Main Article Content

Uphicothonzulu lweentsingiselo zegama elithi ‘<i>kaffir</i> ’ kusetyenziswa inkcazobungcali yobuhlanga A critical examination of interwoven meanings in the word ‘kaffir’ using critical race theory


Abstract

Kukho ingcinga ephosayo, neyalatha ukuba amagama ocalucalulo nathoba isidima sabaNtsundu kwimeko yoMzantsi Afrika omtsha, anokuqondwa ngeenkcazobungcali zesimantiki nepragmatiki kuphela. Loo nto yenza kubekho ukuqhwalela ekuqondeni iintsingiselo ezondele nzulu kwimbali nocalucalulo olwalugquba eMzantsi Afrika. Oku, kungaphezu kokuba kusekho iimpawu nemikhwa yokusetyenziswa kolwimi olucalucalulayo kuMzantsi Afrika omtsha, nto leyo ethi ithibaze kwaye ithintele intsebenziswano nokubumbana phakathi kweentlanga ngeentlanga. Ngesi sizathu, eli nqaku lijolise ekuphicotheni nzulu nasekucubunguleni iintsingiselo eziminxiselwe kwigama elithi kaffir elisetyenziswa kakhulu kwimeko yoMzantsi Afrika ukubulala isidima nokutshabalalisa ubuntu kwisizwe somgquba. Ukuchongwa kweli gama kutyhalwa kukungaqondakali kobunzulu beentsingiselo ezincathame kulo, into
ke leyo ethi ikhokelele ekubeni abaMhlophe bangabonakalisi kurhoxa nganeno ngokungqamene nokusebenzisa ulwimi oluthoba isidima sabaNtsundu. Ukuphalisa iingxoxobunzululwazi zeli nqaku, inkcazobungcali yobuhlanga isetyenziswa njengegqwesileyo ukuze kuvele iintsingiselo ezincathame kwigama elithi kaffir kwimeko yoMzantsi Afrika. Iziphumo kunye neengxoxobunzululwazi zeli nqaku zibonisa ukuba eli gama lithi lithunuke, livuselele iinkumbulo kwaye lisebenze njengesithuko kwisizwe sabaNtsundu ngenxa yezenyeliso elizimumethileyo. Phakathi kwezinye iintsingiselo, kuvela ngakumbi nangakumbi ukuba igama eli linentsingiselo ejolise ekwenzeni abaNtsundu izicamba zokuxangxathwa. Ngamazwi aqukumbelayo, kuyabonakala ukuba ulwimi olucalucalulayo lumumethe imbali etyebileyo. Loo nto ibonise ukuba olu lwimi kusafuneka ukuba luphicothwe ngokubanzi kuxhathiswe ngeembonobunzululwazi zaseAfrika. Okungamandla, kugxininiswa ukuba asingombono omhle ukuyeka imbali yabaNtsundu emumethwe lulwimi icime, njengoko ubani enokuqaphela ukuba ulwimi lusisisele senyathi.


There is a misconception which underlines that the linguistic terms of discrimination for the Ntsundu people in the new South African context can only be understood through the theories of semantics and pragmatics. This makes it challenging to understand the meanings that are interwoven in the history of apartheid that prevailed in South Africa. This is more than the reality that there are still lingering signs and behaviours where discriminatory language is used in the new South Africa. This delays and prevents cooperation and inclusivity among different races. For this reason, this article aims to critically examine the profoundly entrenched meanings attached to the word kaffir which has been widely used in the South African context to distort and degrade the nobility and humanity of the Ntsundu people. The preference for this word is motivated by the ambiguity of the depth of the meanings concealed in it. This is what leads to the fact that white people do not seem to discontinue its use, and this degrades the dignity of the Ntsundu people. To advance the discussions of this article, critical race theory is used as a lens to uncover the meanings hidden in the word kaffir in the context of South Africa. The results and discussion in this article underscore that this word is painful, evokes memories of colonialism and serves as an insult to the Ntsundu nation. Among other meanings, it becomes clear that this word has a meaning aimed at making Ntsundu people the target of mockery and humiliation. In closing, it is obvious that discriminatory language has a rich history. This is indicative that this language still needs to be exhaustively critiqued by scholarship and supported by African theoretical perspectives. In addition to this, it is underscored here that it is not an appropriate idea to let the history of the Ntsundu people reproduced by language be erased, as one may observe that language serves as a part of knowledge and history.


Journal Identifiers


eISSN: 2305-1159
print ISSN: 0257-2117