Main Article Content
Uphononongo lokubaluleka kweenkumbulo kwiincwadi zophando ezichongiweyo zesiXhosa
Abstract
Eli nqaku liza kusebenzisa ingcingane yokukhumbula nengundoqo kolu phando ukuphicotha ukubaluleka kweenkumbulo kwiincwadi zophando ezichongiweyo zesiXhosa. Eli nqaku libonakalisa indlela ekuthi kube nzima ngayo ukusombulula ityala xa amangqina namaxhoba engakhumbuli kwanto ngesiganeko solwaphulo-mthetho, lijolise ekubonakaliseni ukubaluleka kokukhumbula ubungqina ukuze kube lula ukusombulula amatyala olwaphulomthetho. Inqaku liza kucubungula ukunyaniseka kweenkumbulo zamangqina, ukuzithemba kwamangqina ekukhumbuleni nokukwazi kwamangqina ukwalatha isaphuli-mthetho nto leyo ethi ikhokelele ekubanjweni nasekohlwayeni kwabo baphule umthetho. Apha kwezi ncwadi kuza kujongwa ifuthe lenkqubo yabacuphi nendlela abathi babuze ngayo imibuzo ukuhlunguza ukukhumbula kweziganeko ekuphandwa ngazo kumangqina. Eli nqaku liza kuthi lidandalazise elubala ukubaluleka kokubuyela kwabacuphi kunye namangqina kwindawo yexhwayelo ukuncedisana nokuba amangqina akwazi ukukhumbula obekwenzekile. Eli nqaku likwatyhila amanzithinzithi abatyholwa abamsulwa abathi bahlangabezane nabo xa kungekho nesuntsu lengqina elikhumbula ebekwenzekile. Ababhali kwezi ncwadi babonakalisa ukuba ulwaphulo mthetho luyenzeka kodwa abophuli-mthetho abohlwaywa ngenxa yokungabikho kobungqina obukhokelela ekubanjweni kwabo. Uphando lufumanise ukuba ukusonjululwa kwezintsophothi zamatyala amaninzi kwezi ncwadi kuxhomekeke kwiinkumbulo zabalinganiswa abathe babona ukwehla kweziganeko zolwaphulo-mthetho nokukwazi kwabo ukwalatha abenzi bobubi. Ezi nkumbulo ziinkumbulo ezigcinwe kwisigcini-nkumbulo zexesha elide. Ezi ingaba ziinkumbulo ezichanekileyo okanye ezingachanekanga nto leyo engunobangela wokubanjwa kwabo bangenatyala. Inqaku liza kusebenzisa ingcingane yokukhumbula, ingcingane yophando, ingcingane yokuqonda kwakunye nengcingane yobume bengqondo ukuphicotha ukubaluleka kokusetyenziswa kweenkumbulo ngabalinganiswa kwezi ncwadi.